1
Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.
Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Usithande ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;
ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.
Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ababhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.
Amehlo enu aya kubona, nithi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.
Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidele ngokuthini na igama lakho?
Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.
Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvele esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.
Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilize isibingelelo sam! Andininanze nganto, utsho uYehova wemikhosi, andikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.
Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.
Nabuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazisa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.
Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.
2
Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli.
Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningakunyamekeli ngentliziyo,
Yabonani, ndiyayikhalimela ingalo yenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo;
nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi.
Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.
Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.
Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi.
Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningazigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.
Akamnye na ubawo wethu sonke siphela? Asidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu?
Unginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.
Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo nalo usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.
Oku ke nikwenza okwesibini: ukugubungela isibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila, nangokuncwina, ade angabi sawubheka umnikelo, angabi samkela nto ikholekayo ezandleni zenu.
Nithi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho.
Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho;
kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.
Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nithi ke, Simdinise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?
3
Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.
Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.
Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.
Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.
Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.
Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.
Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nithi ke, Sibuye ngokuthini na?
Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi nemirhumo.
Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikele ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphelu.
Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.
Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.
Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.
Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nithi ke, Sithethe ntoni na ngawe?
Nithi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuze ntoni na ngakuba sigcine isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi?
Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; abaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.
Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama akhe.
Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.
Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
4
Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.
Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso emaphikweni alo. Niya kuphuma nidlobe, njengamankonyana asesitalini, nibaxovule abangendawo;
ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku; utsho uYehova wemikhosi.
Khumbulani umyalelo kaMoses, umkhonzi wam, endamwiselayo eHorebhe, ngokusingisele kumaSirayeli onke, imimiselo namasiko.
Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova.
Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.
- Lizenz
-
CC-0
Link zur Lizenz
- Zitationsvorschlag für diese Edition
- TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Malachi (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3E6-8