1
Ngomnyaka wesibini kaDariyo ukumkani, ngenyanga yesithandathu, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, lisithi,
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Aba bantu bathi, Asikabi lixesha lokuba kuziwe, asikabi lixesha lokuba yakhiwe indlu kaYehova.
Kwafika ke ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
Lixesha na kuni nina, lokuba nihlale ezindlwini zenu zalekiwe, ibe le ndlu yam yona ilinxuwa?
Kaloku ke, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu.
Nahlwayela kakhulu, ningenise kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela; nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba.
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindlela zenu zigqaleni.
Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova.
Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane; nithe nakuza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe.
Ngenxa yoko, ngenxa yenu, izulu liyala nombethe, nomhlaba wala neendyebo zawo.
Ndabiza ukoma phezu kwelizwe, naphezu kweentaba, naphezu kwengqolowa, naphezu kwewayini entsha, naphezu kweoli, naphezu kwezinto zonke eziphuma emhlabeni, naphezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kokuxelenga konke kwezandla.
Baliphulaphula ke ooZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, noYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, namasalela onke abantu, ilizwi likaYehova uThixo wabo, ngokwamazwi kaHagayi umprofeti, njengoko wayemthumile uYehova uThixo wabo; boyika abantu ebusweni bukaYehova.
Wakuthetha uHagayi umthunywa kaYehova ukuthunywa kwakhe nguYehova ebantwini, wathi, Ndinani, utsho uYehova.
UYehova wawuvuselela umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wamasalela onke abantu. Beza ke, bawenza umsebenzi endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo,
ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithandathu, ngomnyaka wesibini kakumkani uDariyo.
2
Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwamashumi amabini analunye enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
Khawuthethe kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nakumasalela abantu, uthi,
Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Ayinjengento engento na emehlweni enu?
Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelele, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndinani, utsho uYehova wemikhosi.
Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.
Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo;
ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.
Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi.
Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi.
Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khawubuze umyalelo kubabingeleli, uthi,
Yabonani, umntu ephethe inyama engcwele ngesondo lengubo yakhe, afike ngesondo lakhe esonkeni, nasentweni ephekiweyo, nasewayinini, naseolini, nasentweni nokuba yiyiphi edliwayo, yongcwaliseka na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi.
Wathi ke uHagayi, Ukuba uthe wafika oyinqambi ngenxa yomfi, kwezo zinto zonke, zoba ziinqambi na? Baphendula ababingeleli bathi, Zoba ziinqambi.
Waphendula uHagayi wathi, Banjalo ke aba bantu, lunjalo ke olu hlanga ebusweni bam; utsho uYehova; unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abayisondezayo khona apho iyinqambi.
Kaloku ke khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, kungekabekwa litye lityeni etempileni kaYehova;
nithabathele kwelo xesha, xa umntu ebefike esitheni esimilinganiso imashumi mabini, asuke afumane libe linye ishumi; xa ebefika emkhumbini wokukhongozela iwayini, eza kukha imilinganiso emashumi mahlanu, asuke afumane amashumi amabini.
Ndanibetha ngembabala, nangexoshomba, nangesichotho, kuyo yonke imisebenzi yezandla zenu; noko ke akubangakho namnye kuni ubuyela kum; utsho uYehova.
Khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, nithabathele kusuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba kususela kuloo mini yokusekwa kwetempile kaYehova; gqalani ke.
Isekho yinina imbewu eqongeni? Hayi, akuxakathanga nto, kude kwesa kumdiliya, nomkhiwane, nomrharnate, nomnquma. Ndithabathele kule mini, ndiya kusikelela.
Kwafika ilizwi likaYehova ngokwesibini kuHagayi, ngosuku lwamashumi omabini anesine enyangeni leyo, lisithi,
Thetha kuZerubhabheli ibamba lakwaYuda, uthi, Ndiya kulinyikimisa izulu nehlabathi,
ndiyibhukuqe itrone yezikumkani, ndikutshabalalise ukomelela kwezikumkani zeentlanga; ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nabakhweli bazo, kuwe amahashe nabakhweli bawo; elowo awiswe likrele lowabo.
Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiya kukuthabatha, Zerubhabheli nyana kaShalatiyeli, mkhonzi wam, utsho uYehova, ndikumise ngokomsesane wokutywina; kuba ndikunyule; utsho uYehova wemikhosi.
- License
-
CC-0
Link to license
- Citation Suggestion for this Edition
- TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Haggai (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3E0-E