1
Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.
Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:
ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:
ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.
Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
2
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaMowabhi, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuwatshisa kwakhe amathambo ookumkani bakwaEdom, aba yikalika:
ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kuphithizelwa, kuhlatywa umkhosi, kuvuthelwa izigodlo.
Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa:
ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;
bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;
banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.
Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare, obeliqele njengemioki; ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.
Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mane, ukuze nilihluthe ilizwe lomAmori.
Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, akunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.
Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.
Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu.
Wokhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo.
Nophethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe;
nontliziyo ikhaliphileyo phakathi kwamagorha asabe eze ngaloo mini; utsho uYehova.
3
Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani, nyana bakaSirayeli, ngayo yonke imizalwane endayinyusayo ezweni laseYiputa, lisithi,
Ndaze nina nedwa emizalwaneni yonke yehlabathi; ngenxa yoko ndiya kubuvelela kuni ubugwenxa benu bonke.
Bakha bahambe ndawonye na ababini, bengavani?
Ikha ibharhule na ingonyama ehlathini, ingenanto iyiqwengayo? Ingonyama entsha ikha igqume na emqolombeni wayo, ingabambanga nto?
Ikha yeyele na intaka esibatheni emhlabeni, kungekho sango liyithiyeleyo? Wojuba na umgibe emhlabeni, ungabambisanga nokubambisa?
Khona khe sivuthelwe na isigodlo phakathi komzi, bangothuki abantu? Khe bubekho na ububi phakathi komzi, engabenzanga uYehova?
Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.
Ingonyama ibharhule, ngubani na ongoyikiyo? INkosi uYehova ithethile, ngubani na ongayi kuprofeta.
Memezani ezingxandeni ezinde zaseAshdode, nasezingxandeni ezinde zezwe laseYiputa, nithi, Hlanganisani ezintabeni zelakwaSamari, nibone isaqunge esikhulu esiphakathi kwalo, nabacudisiweyo abasesazulwini salo.
Kuba abakwazi ukwenza okuthe gca, utsho uYehova, abo bafumba ugonyamelo nobhuqo ezingxandeni zabo ezinde.
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umbandezeli uya kuba ngeenxa zonke elizweni; uya kuwathoba amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde.
Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama ooxhongo ababini, nokuba sisiqwenga sendlebe, baya kwenjiwa njalo ukuhlangulwa oonyana bakaSirayeli, abahlala kwaSamari phezu kwephundu lesingqengqelo, naphezu kweengubo zomandlalo eziluhlobo lweDamasko.
Yivani, ningqine kwindlu kaYakobi; itsho iNkosi uYehova, uThixo wemikhosi.
Kuba, mini ndiya kuzivelela izikreqo zendlu kaSirayeli phezu kwayo, ndiya kuzivelela ezibingelelweni zaseBheteli, zixakaxwe iimpondo zesibingelelo, ziwe emhlabeni.
Ndoyichitha indlu yasebusika, kunye nendlu yasehlotyeni, zitshabalale izindlu zeempondo zeendlovu, ziphele izindlu ezininzi; utsho uYehova.
4
Liveni eli lizwi, nina zimazi zaseBhashan, zisezintabeni zakwaSamari, zizicudisayo izisweli, ziwavikivayo amahlwempu, zithi ezinkosini zazo, Zisani sisele.
INkosi uYehova ifunge ubungcwele bayo, yathi, Yabonani, nizelwa yimihla eniya kuqweqwediswa ngamagwegwe, nabokugqibela kuni ngamaqerhu okubambisa iintlanzi.
Niya kuphuma ngamathuba okuqhekezwa kodonga, elowo aphume ngelilunge naye, niye kuphoswa eHarmon; utsho uYehova.
Yiyani eBheteli nikreqe; yiyani eGiligali, nandise ukukreqa; nizise imibingelelo yenu imiso ngemiso, nezishumi zenu kanye ngemihla emithathu;
niqhumisele umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
Kananjalo mna ndininike ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova.
Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zisentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha;
imizi emibini, emithathu, ibhadulele kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.
Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; anabuya nize kum noko utsho uYehova.
Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuya kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.
Ndibabhukuqile abanye benu, njengoko wabhukuqa ngako uThixo iSodom neGomora, naba njengesikhuni esinyothulwe emlilweni; anabuya nize kum noko; utsho uYehova.
Ngako oko ndiya kwenjenje kuwe, Sirayeli; ngokokuba ndiya kwenjenje ke kuwe, zilungiselele ukuhlangabeza uThixo wakho, Sirayeli.
Ngokuba, yabona, uloyila iintaba, ulodala umoya, uloxelela umntu into okuyiyo ukuthelekelela kwakhe, ulowenza mnyama isifingo, ulonyathela phezu kwemimango yehlabathi: nguYehova uThixo wemikhosi, igama lakhe.
5
Liveni eli lizwi ndiliphakamisayo ngani, esi simbonono, ndlu kaSirayeli.
Iwile, ayisayi kubuya ivuke intombi enguSirayeli; ikhahleleke emhlabeni, akukho uyiphakamisayo,
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umzi ophuma unewaka, uya kusala nekhulu; ophuma unekhulu, uya kusala neshumi kwindlu kaSirayeli.
Ngokuba utsho uYehova kwindlu kaSirayeli, ukuthi, Quqelani kum, niphile;
musani ukuquqela eBheteli, ningangeni eGiligali, ningaweleli niye eBher-shebha; kuba iGiligali, inene, iya kuthinjwa, neBheteli ibe yinto engeyakonto.
Quqelani kuYehova, naniya kuphila; hleze ayifikele indlu kaYosefu njengomlilo, utshise, kungabikho uwucimela iBheteli,
nina abo bajika okusesikweni kube ngumhlonyane, babukhahlele phantsi ubulungisa emhlabeni.
Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe.
Ngulotshangazisa imbuqo phezu koliqele, imbuqo iyifikele inqaba.
Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo.
Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabathe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo.
Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni.
Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli.
Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo.
Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu.
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.
Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.
Yeba ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.
Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere; angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.
Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?
Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.
Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, akakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo andiwubheki.
Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.
Makugaleleke umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.
Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mane, ndlu kaSirayeli?
Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo.
Ndiya kuni fudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe.
6
Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli!
Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba mikhulu na imida yayo kunemida yenu.
Nina, baba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo;
nina, balele ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu, banabe emandlalweni yabo, badle amatakane emhlambini, namathole asesitalini;
nina, baphololoza kukubetha umrhubhe, bazicingela ukwenza izinto zokuvuma njengoDavide;
nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu.
Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo.
INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo.
Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe.
Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wothi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.
Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.
Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane;
nina bavuyela okungelutho; bathi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla.
Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha.
7
Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca.
Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova.
Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi.
Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova.
Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa.
UYehova wathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.
Ziya kuchithwa iziganga zakwaIsake, zibengamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukele phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele.
UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe.
Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Uya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.
Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona;
kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.
Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Andimprofeti, andinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.
Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.
Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Uthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufele emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.
8
Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni.
Yathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.
Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!
Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi,
Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa, sikhulise ishekele, sigqwethe isikali, sibe sesokukhohlisa?
ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa?
Ulifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke.
Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwuthe njengoMnayile waseYiputa?
Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo.
Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra.
Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.
Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani.
Ngaloo mini uya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano.
Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka.
9
Ndayibona iNkosi imi ngasesibingeleweni. Yathi, Zibethe iinqanam, inyikime imigubasi yomnyango, uziqobe ezo zinto, ziwe entlokweni yabo bonke bephela, ndibabulale abokugqibela babo ngekrele. Osabayo kubo akasayi kusinda, angasindi nokuzisindisa kubo.
Ukuba bathe bagqobhozela elabafileyo, sobathabatha nakhona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa nakhona.
Nokuba bathe bazimela encotsheni yeKarmele, ndofuna, ndibathabathe nalapho; nokuba bathe bazisithelisa phambi kwamehlo am emazantsi olwandle, ndoyiwisela umthetho nalapho inyoka, ibalume.
Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndoliwisela umthetho nalapho ikrele, libabulale, ndiwamise kubo amehlo am, ukuba kube kubi, kungalungi.
INkosi uYehova wemikhosi ngulophatha ilizwe, linyibilike, benze isijwili bonke abemiyo kulo; linyuke lonke liphela njengoMnayile, libuye liwuthe njengoMnayile waseYiputa;
ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe.
Aninjengoonyana bamaKushi na kum, nina nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. Andiwanyusanga na amaSirayeli ezweni laseYiputa, amaFilisti eKafetori, ama-Aram eKire?
Yabonani, amehlo eNkosi uYehova asebukumkanini obonayo, ndibutshabalalise, bungabikho phezu komhlaba; kodwa andiyi kuyitshabalalisa iphele indlu kaYakobi; utsho uYehova.
Ngokuba, yabonani, ndiwisa umthetho, ndiyihlungule indlu kaSirayeli ezintlangeni zonke, njengoko kuhlungulwa ingqolowa ngesihlungulo, kungawi nokhozo emhlabeni.
Baya kufa ngekrele bonke aboni babantu bam; abo bathi, Abuyi kusifumana, abuyi kusithintela ububi.
Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umnquba kaDavide, lowo uwileyo, ndizivingce iintanda zawo, ndizivuse iindawo zawo ezigungxulweyo, ndiwakhe ube njengokwemihla yamandulo;
ukuze bawathimbe amasalela akwaEdom, neentlanga zonke, ezibizwa ngegama lam; utsho uYehova okwenzayo oku.
Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike.
Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo.
Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho.
- Lizenz
-
CC-0
Link zur Lizenz
- Zitationsvorschlag für diese Edition
- TextGrid Repository (2025). Christos Christodoulopoulos. Amos (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3CB-7