1

Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.
Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
Amafutha akho anevumba elimnandi; Liyioli ethululwayo igama lakho; Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.
Nditsale, sogidima emva kwakho; Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe, Sogcoba, sivuye ngawe. Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini; Zikuthanda zinyanisile.
Ndimnyama, ndinomkhitha noko, Zintombi zaseYerusalem, Njengeentente zakwaKedare, Njengamalengalenga kaSolomon.
Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama, Ngakuba nditshe lilanga. Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo, Bandenza umlindi wezidiliya; Ke esisesam isidiliya andisilindanga.
Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho?
Ukuba akwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi, Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi, Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.
Ndikufanekise, wethu, Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!
Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca, Umqala wakho zizidanga.
Sokwenzela iingcaca zegolide Ezinamaqhula esilivere.
Xa ukumkani asesetafileni yakhe, Inadusi yam isuka ilikhuphe ivumba layo.
Sisiqhuma semore intanda yam kum, Esihleli phakathi kwamabele am.
Sisihloko sekofere intanda yam kum Ezidiliyeni zase-Engedi.
Yabona, uyinzwakazi, wethu! Yabona, uyinzwakazi! Amehlo akho anjengawamavukuthu.
Yabona, uyinzwakazi, ntanda yam; ewe, umnandi; Umandlalo wethu uluhlaza.
Imiqadi yendlu yethu yimisedare, Iipanele zethu yimisipres.

2

Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni.
Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi.
Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.
Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.
Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.
Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.
Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.
Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.
Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.
Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;
Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;
Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;
Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.
Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.
Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile.
Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni.
Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.

3

Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam; Ndamfuna andamfumana.
Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi, Ezindaweni zembutho nasezitratweni; Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna andamfumana.
Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana; Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?
Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo, Ndamlumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam; Ndambamba, andamyeka, Ndada ndamzisa endlwini kama, Engontsini yowandikhawulayo.
Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.
Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi, Eqhunyiselwa ngemore nentlaka emhlophe, Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?
Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon, Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathu Kumagorha akwaSirayeli.
Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa, Lilelo linekrele ethangeni lalo Ngenxa yokoyika ebusuku.
Ukumkani uSolomon uzenzele ithala Ngemithi yaseLebhanon.
Iintsika zalo uzenze ngesilivere, Isayamo salo ngegolide, umqamelo walo ngento emfusa, Umphakathi walo ubekelelwe ngothando, Luvela ezintombini zaseYerusalem.
Phumani, zintombi zaseZiyon, nimkhangele ukumkani uSolomon, Enesithsaba, awasinxitywa ngunina ngemini yokuzeka kwakhe, Nangemini yokuvuya kwentliziyo yakhe.

4

Yabona, uyinzwakazi, wethu; yabona, uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho; Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Osemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.
Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo, Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni, Zinamawele zonke, Kungekho ifelweyo kuzo.
Unjengosinga olubomvu umlomo wakho; Ukuthetha kwakho kumnandi. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.
Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi, Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe, Onke amakhaka amagorha.
Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi, Esidla phakathi kweenyibiba.
Ide iphole imini, oluke amathunzi, Ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore, Nasendulini yentlaka emhlophe.
Uyinzwakazi kwaphela, wethu; Akukho siphako kuwe.
Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi, Yiza sihle eLebhanon; Ufike ubonisele encotsheni yeAmana, Encotsheni yeSenire neHermon, Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe.
Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi; Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye, Ngamrhukane mnye wesambalo sakho.
Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!
Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi; Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho. Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.
Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi; Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.
Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu, Ikofere kunye nenadusi;
Inadusi nesafron, Ikalamo nesinamon, kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe, Imore nehaloti, kunye nobulawu bonke obuyintloko.
Uliliso lomthombo lasemiyezweni, Iqula lamanzi aphilileyo, Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.
Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi: Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo. Mayingene intanda yam emyezweni wayo, Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.

5

Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam; Ndiyikhile imore yam kunye netyeleba lam; Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam; Ndiyisele iwayini yam kunye namasi am. Yidlani bethu, Selani nibe mnandi, zintanda.
Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile. Yiva, nantso intanda yam inkqonkqoza, isithi, Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam, Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku.
Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe? Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe?
Intanda yam yasolula isandla sayo ngekroba; Kwasika esiswini ngenxa yayo.
Ndavuka ndaya kuyivulela intanda yam, Nezandla zam zavuza imore; Neminwe yam, imore eyivuzelayo Esiphathweni sesitshixo.
Ndayivulela mna intanda yam; Ke yona intanda yam ibijike yemka. Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha; Ndayifuna, andayifumana; Ndayibiza, ayasabela.
Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi, Bandibetha, bandilimaza; Abalindi beendonga bandilulutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.
Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intanda yam, Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.
Iyintoni na intanda yakho kunezinye iintanda, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Iyintoni na intanda yakho kunezinye, Ukuba wenjenje ukusifungisa?
Intanda yam iqaqambile, iyingqombela, Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.
Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo; Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu.
Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi, Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle.
Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengeziganga zezityalo zokuqhola; Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo.
Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe, Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire.
Imilenze yayo ziintsika zemarmore emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo. Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare.
Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela. Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.

6

Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise?
Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.
Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni.
Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile.
Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi.
Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo.
Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.
Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa.
Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.
Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?
Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na.
Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.
Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

7

Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene! Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga, Umsebenzi wezandla zengcibi.
Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila; Masingasweli iwayini ephithikeziweyo; Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa, Sibiyelwe ngeenyibiba.
Amabele akho omabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.
Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu; Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon, Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi; Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon Ebheke eDamasko.
Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele, Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa; Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.
Azi umhle, azi umnandi, Luthando, eziyolweni!
Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu; Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.
Ndathi, Ndiya kuminya emthini wesundu; Ndiya kubambelela emagqabini awo; Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;
Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo, Ihla kamnandi kwintanda yam, Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.
Mna ndingowentanda yam, Kukum ukungxamela kwayo.
Hamba, ntanda yam, siphume siye emaphandleni, Silale emizaneni.
Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam.
Amathuma apha anevumba; Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala, Endiziqwebele wena, ntanda yam.

8

Akwaba ubunjengomnakwethu Obesanya amabele kama! Bendingathi, ndikufumene phandle, ndikwange, Bangandideli noko.
Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama; Ubuya kundifundisa. Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo, Nencindi yomrharnate wam.
Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam, Esokunene sayo sindiwole.
Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa, Ningathini na ukuluvusa, ningathini na ukuluvuselela uthando, Lude luthande?
Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe? Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo.
Ndibeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho. Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu, Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni: Amalangatye abo ngamalangatye omlilo, Ngamadangatye kaYehova.
Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.
Sinomsakwethu omncinane, Akakabi namabele. Siya kuthini na ngomsakwethu, Mini aganelweyo?
Ukuba uludonga yena, Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere; Ukuba ungumnyango, Somrhaqa ngamaceba omsedare.
Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba; Ndaza emehlweni ayo ndaba njengo fumene uxolo.
USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon, Isidiliya wasinikela kubagcini, Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.
Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam; Iwaka elo lelakho, Solomon; Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.
Wena uhleliyo emiyezweni, Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho, Ndivise.
Dloba, ntanda yam, Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama Ezintabeni zobulawu.

Holder of rights
Multilingual Bible Corpus

Citation Suggestion for this Object
TextGrid Repository (2025). Xhosa Collection. Song of Solomon (Xhosa). Song of Solomon (Xhosa). Multilingual Parallel Bible Corpus. Multilingual Bible Corpus. https://hdl.handle.net/21.11113/0000-0016-C3B5-F